AMANZI ASIMAHLA OKUSELA ACOCEKILEYO AZIILITHA EZINGAMA-6000 KWIKHAYA NGALINYE, KWINYANGA NGANYE
Umgaqo wamanzi asisiseko asimahla yinzame ehlanganyelweyo ngawo onke amacandelo karhulumente ukuba kukhawuleziswe ukudluliswa kweenkonzo zamanzi kuye wonke umntu.
Ukuzinikezela kukarhulumente wengingqi, iDWAF, iSALGA, iDPLG, iNdawo ekugcinwa kuyo imali kaZwelonke nabo bachaphazelekayo becandelo lamanzi kuya kuqinisekisa ukuba ugunyaziwe wengingqi ngamnye kuMzantsi Afrika wonke wenziwe wakwazi ukuba uphumeze lo mgaqo kummandla kagunyaziwe wengingqi.
Amanzi asisiseko asimahla aya kusebenza ukuba kuhlangatyezenwe nezi meko zilandelayo:
Ukubuyiswa kwendleko okuvumela ukuguqulwa okanye ukujikajikwa kwenkxaso ngeli xesha kugcinwe ukuba imali ihlale ikho kurhulumente wengingqi
Izintlu zamaxabiso afanelekileyo, ukufakwa kwezixhobo zokulinganisa amanzi nokukhutshelwa ii-akhawunti kwamakhaya onke.
Isabelo esiNcomekayo emasijoliswe ngokufanelekileyo ngurhulumente wengingqi ekuxhaseni iindleko zamanzi asisiseko abo bahlwempuzekileyo.
Uphuhliso lwezixhobo zobuchwepheshe zokulungiselela inqanaba elahlukeneyo lenkonzo ngeli xesha kulungiselelwa ukufakwa kwesixhobo sokulinganisa amanzi nokuwalawula.
Inkqubo yokuPhunyezwa koMgaqo:
Indlela yobuchule yokuPhumeza (kuqukwa neZikhokelo zoRhulumente weNgingqi noMfuziselo wezeMali) Epreli 2001
Iindibano zokufundisana zePhondo zaManzi asisiseko asimahla kaRhulumente weNgingqi
Umhla wokuphunyezwa njengoko wazisiwe nguMphathiswa uRonnie Kasrils ngumhla woku-1 kuJulayi 2001. Amalungiselelo akhoyo okuhlawula makahlale enjalo,bade oogunyaziwe bengingqi babazise abasebenzisi ngomhla okuza kuphuyezwa ngawo kummandla lowo.
Ntshona Koloni
Mpumalanga
Mntla Koloni
Mntla Ntshona
